IVeki yeSizwe yokwenza iLifa ka 2020

Amagqwetha kwilizwe lo Mzantsi Afrika  liphela azakwenza idrafti yomyolelo wasimahla ngexesha leVeki yeSizwe yokwenza iLifa mahala, ukusukela ngomhla wama-26 ukuya kowama-30 ku October 2020.

Lo msitho wonyaka eMzantsi Afrika lithuba elifanelekileyo lokuba uqinisekise ukuba imicimbi yakho ilungile. Ukuba iimeko zakho zobomi zitshintshile kutsha nje, umzekelo : utshatile, uqhawule umtshato, uqale ukuhlalisana neqabane lakho okanye wathenga ipropathi, eli lixesha lokuba ujongane neemeko zakho ezintsha, kwaye ulawule imicimbi yakho kwangoku usaphila.

Ekuxakekeni kobomi bemihla ngemihla kuninzi lwethu, sihlala sililibala eli candelo libalulekileyo lobomi bethu. Thatha ithuba kwiveki yokwenza lifa, kwaye usebenzise eli thuba ukucinga ngobomi bakho, abantu obathandayo kunye nendlela obungathanda ukukhunjulwa ngayo. Ngubani ongathanda ukuba ngumgcini wabantwana bakho abancinci? Ngubani ongathanda ukuba ngumabi welifa lakho? Ngaba akhona amalungu osapho axhomekeke kuwe ngokwe zimali, kwaye ofuna ukuba akhathalelwe emva kokubhubha kwakho? Igqwetha linolwazi namava okucebisa kuyo yonke imiba yelifa, kunye nokuqinisekisa ukuba liyahlangabezana neemfuno zomthetho.

Ukwenza umyolelo wokugqibela kuye kuthethe ukuba iiasethi zakho ziya kushiyelwa abantu ozikhethele bona, kwaye ungashiya imiyalelo ecacileyo malunga nendlela ezabiwa ngayo iiasethi zakho.

Khumbula ukuzisa oku kulandelayo kwindibano yakho:

• Isazisi sakho

• Uluhlu lwezinto onazo kunye nexabiso eliqikelelweyo (faka izinto zakho onqwenela ukuzishiya kubantu abathile)

• Uluhlu lwabantu onqwenela ukubakhumbula kumyolelo wakho

Ukulungiselela indibano  yakho yokwenza ilifa lakho la mahala , nxibelelana noJohn okanye uStephanie eScheibert & Associates Inc Attorneys eKapa kule nombolo 021-4220660 (scheibert@scheibert.com), okanye uHans kwiofisi yaseJamani yaseScheibert & Associate kule nombolo: (49) (0) 89 8913 6783 (info @ scheibert-germany.de).

Previous
Previous

October newsletter: Is your will valid?

Next
Next

National Wills Week 2020